UISAYA 60:6 - Compare All Versions
UISAYA 60:6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova.
Yabelana
UISAYA 60 XHO75UISAYA 60:6 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamela namankonyane aseMidiyan naseHefa. NabaseShebha baya kuza begxalathelana, bepheth' igolide kunye nesiqhumiso, bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.
Yabelana
UISAYA 60 XHO96UISAYA 60:6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ingxokolo yenkamela yokugubungela, inkamela ezintsha zase‐Midiyane ne‐Hefa; ezase‐Sheba ziya kuza zonke; igolide nentlakamhlope zozitwala, nendunyiswa ZIKAYEHOVA ziya kuzishumayela.
Yabelana
UISAYA 60 XHO1902AUISAYA 60:6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, iinkamela zamaMidiyan nezakwaEfa; wonke uShebha uya kuza; baya kuzisa igolide nesiqhumiso; yaye baya kuxela iindumiso zikaYehova.
Yabelana
UISAYA 60 CXB24