UISAYA 60:4 - Compare All Versions
UISAYA 60:4 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.
Yabelana
UISAYA 60 XHO75UISAYA 60:4 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawubheka-bheke ude uqwalasele; bonke bayaqokelelana, bayeza! Oonyana beza bevel' ekudeni; iintombi zona ziza zisingathiwe.
Yabelana
UISAYA 60 XHO96UISAYA 60:4 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Phakamisa amehlo akho ezindaweni zonke, ubone; bonke bayahlanganisana, besiza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zidilize ngakuwe.
Yabelana
UISAYA 60 CXB24UISAYA 60:4 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakamisa amehlo ako ngento engqongayo, ukangele; bona bonke bayazihlanganisa, bayeza kuwe: onyana bako bovela kwa kude, nentombi zako ziya kubelekwa ecaleni.
Yabelana
UISAYA 60 XHO1902A