UISAYA 60:21 - Compare All Versions

UISAYA 60:21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Abantu bakho baya kuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.

UISAYA 60:21 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Abantu bakho boba ngabalungileyo, umhlaba bawume kude kube ngunaphakade. Bona basisithole esimiliselwe ndim; ewe, bangumsebenzi wezandla zam, ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.

UISAYA 60:21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Bonke abantu bakho bayakuba ngamalungisa, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade, behlume lesityalo sam, umsebenzi wezandla zam, ukuze ndihombe.

UISAYA 60:21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nabantu bako, bona bonke boba ngabalungileyo; bolidla ilifa lelizwe ngonapakade; isebe lokutyala kwam, umsebenzi wezandla zam, ukuba ndenzelwe ubungcwalisa.