UISAYA 60:15 - Compare All Versions

UISAYA 60:15 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.

UISAYA 60:15 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Nangona ushiyiwe uthiyiwe, kungasekho bani udlulayo, ndiya kukwenza iqhayiya laphakade, uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.

UISAYA 60:15 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ekubeni ubushiyiwe watiywa, kwada akwabiko mntu obecanda kuwe, sendiya kukwenza indluliselo engunapakade, uvuyiso lwezizukulwana ngezizukulwana.

UISAYA 60:15 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ukuba uthe wacekiswa, wathiywa, akwadlula bani kuwe, ndiya kukwenza isihomo esingunaphakade, esiyolisayo kwizizukulwana ngezizukulwana.