UISAYA 60:10 - Compare All Versions

UISAYA 60:10 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu

UISAYA 60:10 XHO96 (IBHAYIBHILE)

KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi: “Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga, izikumkani zazo ke zona zikuququzelele. Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo, ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.

UISAYA 60:10 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kanjalo abasemzini baya kwaka indonga zako, nokumkani babo bokukonza; ngokuba ngomsindo wam ndikubetile, kodwa ngembuko yam ndoba nezibele kuwe.

UISAYA 60:10 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Iintlanga ziya kuzakha iindonga zakho, ookumkani bazo bakukhonze; kuba ndikubethe ndinomsindo, kodwa ndaba nenceba kuwe ngokuthanda kwam.