UISAYA 59:21 - Compare All Versions

UISAYA 59:21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.

UISAYA 59:21 XHO96 (IBHAYIBHILE)

UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”

UISAYA 59:21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba mna, olu lucebano lwam nabo, utsho UYEHOVA: umoya wam opezu kwako, namazwi am endiwabekileyo emlonyeni wako, akayi kumka emlonyeni wako, nasemlonyeni wenzalo yako, nasemlonyeni wenzalo yenzalo yako, utsho UYEHOVA, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.

UISAYA 59:21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; Umoya wam uphezu kwakho, namazwi am endiwabeke emlonyeni wakho, akayi kumka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yakho, utsho uYehova, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.