UISAYA 57:15-16
UISAYA 57:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo. Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.
UISAYA 57:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Utsho uThixo ophakamileyo, uThixo oyedwa ophila ngonaphakade: “Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo, kanti ndiyahlala nasebantwini – kwabo bazinikelayo bathobekileyo – ukuze ndibahlaziye abathobekileyo, ndibakhuthaze abo bazinikelayo. Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu, ndingayi kusoloko ndisilwa nabo, hleze umntu atyhafe, adane lowo ndimenzileyo.
UISAYA 57:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba kuthiwa, Osenyangweni uhleli ngonaphakade, ogama lingcwele; Ndihleli endaweni ephakamileyo engcweleni, nomoya othobekileyo, ukuze ndihlaziye umoya wabathobekileyo, ndihlaziye iintliziyo zabantliziyo zaphukileyo. Kuba andiyi kuhlala ndiphikisana, kwaye andiyi kuhlala ndinomsindo, kuba umoya uya kuphelelwa ngamandla phambi kwam kunye nemimoya endiyenzileyo.
UISAYA 57:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba esitsho yena opezulu opakamileyo, ohleli kunapakade, ogama liyingcwele, ukuti: Ndihleli kwepezulu neyingcwele indawo, kwa nalowo omoya ugqobokileyo notobekileyo; ukuba kupiliswe umoya wabatobekileyo, nokuba kupiliswe intliziyo yabagqobokileyo. Ngokuba ndingayi kuba ngunapakade ndipika; kanjalo andiyi kuba ngamaxesha onke ndiqumbile: ngokuba umoya ubuya kucubuka pambi kwam, nemipefumlo endiyenzileyo.