UISAYA 56:6-7 - Compare All Versions
UISAYA 56:6-7 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: ndobázìsa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.
UISAYA 56:6-7 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo, ezizinikeleyo kuye zimsebenzela, ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe, lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla, umntu ongawudeliyo awuxabhele, owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam – abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa, bonwabe endlwini yam yokuthandaza. Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini. Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke. ”
UISAYA 56:6-7 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabasemzini, abazibandakanyela KUYEHOVA, ukuba bamkonze, nokuba batande igama LIKAYEHOVA, babe zizicaka zake, bonke abayigcinayo isabata, bengayinco̔lisi, ababambelela kulo ucebano lwam; sendiya kubazisa entabeni yam eyingcwele, ndibavuyise endlwini yam yokutandaza; amadini okutshiswa abo nemibingo yabo yoba ikolekile pezu kwesibingelo sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kubo bonke abantu.
UISAYA 56:6-7 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Yaye oonyana bolunye uhlanga abanamathela kuYehova ukuze bakhonze yena nokuthanda igama likaYehova ukuze babe ngabakhonzi bakhe, wonk’ ubani ogcina isabatha ukuze ayihlambele nobambelela emnqophisweni wam; ndobazisa entabeni yam engcwele, bavuye endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo neminikelo yabo yokholeka esibingelelweni sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza yabantu bonke.