UISAYA 56:2 - Compare All Versions

UISAYA 56:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.

UISAYA 56:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Unoyolo ke umntu owenjenjalo, nditsho umntu oyibambisisayo, lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla, umntu ongawudeliyo awuxabhele, nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”

UISAYA 56:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu oyibambileyo; ogcina isabatha, ukuba angayihlambeli; osibambayo isandla sakhe singenzi nanye into embi.

UISAYA 56:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Unetamsanqa umntu owenza oku, nonyana womntu obambelela kuko; ogcina isabata, ukuba angayinco̔lisi; ogcina isandla sake, ukuba angayenzi nanye into ekohlakeleyo.