UISAYA 53:8 - Compare All Versions

UISAYA 53:8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Uthatyathwé ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu?

UISAYA 53:8 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo. Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto? Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo; wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.

UISAYA 53:8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kwa sentolongweni nasekugwebeni sasisuswa; nesizukulwana saso ngubanina oya kusixela? ngokuba sibe sinqunyulwa emhlabeni wabahleliyo; ngenxa yokugqita kwabantu bam sasibetwa.

UISAYA 53:8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wakhululwa entolongweni nasekugwetyweni; Ngubani na oya kuyixela isini sakhe? ngokuba wanqanyulwa, waba sehlabathini labaphilileyo; ubethweswa ubugwenxa besizwe sakowethu.