UISAYA 53:3 - Compare All Versions

UISAYA 53:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Údeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke àsambeka.

UISAYA 53:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Abantu basidelile basibukula, saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu. Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so; saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

UISAYA 53:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Sibe sidelwa salahlwa ngabantu, indoda yentsizi, nowazana nobuhlungu, kwada kwafihlwa ubuso kuso; sibe sidelwa, sati tina asasibuka.

UISAYA 53:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; umntu olusizi kunye nomntu oqhele ukuba lusizi; sabusithelisa ubuso bethu kuye, ngokungathi kunjalo; udeliwe, asimthabatha