UISAYA 53:2 - Compare All Versions

UISAYA 53:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.

UISAYA 53:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo, suke asabi namfaneleko nabunganga, saba ngasijonga asabi namtsalane.

UISAYA 53:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba sibe sikula ebusweni babo njengesihlumelo, nanjengengcambo ipuma emhlabeni owomileyo: sasingenasimilo nasoya, ukuba sisigqale; kwa nokubonakala, ukuba sisinqwenele.

UISAYA 53:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba uya kuntshula phambi kobuso bakhe njengegatya, nanjengengcambu emhlabeni owomileyo; kwaye xa siza kumbona, asinakunqwenela nto ilunge ngakumbi.