UISAYA 53:12 - Compare All Versions

UISAYA 53:12 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon' ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.

UISAYA 53:12 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho, abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha. Kaloku waziqongqothela ekufeni, wada wabalwa nabakreqi. Kaloku usithwele isono sabaninzi, wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”

UISAYA 53:12 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngoko, ndiya kusahlulela isahlulo pakati kwabakulu; sasiya kwahlulelana nabanamandla amaxoba; ngenxa yokuba satululela ekufeni umpefumlo waso, sabalwa nabagqiti, nesono sabaninzi sasitwala, nabagqiti sabatandazela.

UISAYA 53:12 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngoko ke ndiya kumabela isahlulo kunye namadoda amakhulu, alabe amaxhoba namagorha; ngokuba wawuthulula umoya wakhe ekufeni, wabalelwa kwabangendawo; wathwala izono zabaninzi, wabathandazela abakreqi.