UISAYA 53:11 - Compare All Versions

UISAYA 53:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wóbona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.

UISAYA 53:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngenxa yembandezelo yakhe wobuya axhamle ulonwabo. Uthi uNdikhoyo: “Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayo abaninzi bofumana ubulungisa. Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.

UISAYA 53:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Emva kwosizi lwompefumlo waso, soyibona, sokoliswa: ngokwaziwa kwaso, isicaka sam esilungileyo sogwebela abaninzi; ngokuba izikohlakalo zabo siya kuzitwala.

UISAYA 53:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wokubona ukusebenza nzima komphefumlo wakhe, aneliswe; Ngokwazi kwakhe uya kumenza ilungisa kakhulu umkhonzi wam olilungisa; Uya kubuthwala ubugwenxa babo.