UISAYA 53:10 - Compare All Versions

UISAYA 53:10 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa ùthe umphefumlo wakhe wàwenza idini letyala, wóyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.

UISAYA 53:10 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe, khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono. Ngoko ke wobona nezizukulwana; uya kukhula ade akhokhobe; ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.

UISAYA 53:10 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kodwa UYEHOVA ebetanda ukusityumza; wasivisa ubuhlungu. Nxa siya kuzenza idini letyala, siya kubona inzalo, siya kwolula imihla, nentando KAYEHOVA iya kulungiseka esandleni saso.

UISAYA 53:10 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kodwa uYehova wafuna ukumtyumza; waba buhlungu; ukuba uthe wenza idini lesono ngenxa yomphefumlo wakhe, wobabona abantwana bakhe, ayolule imihla yakhe, ibe nempumelelo inkoliseko kaYehova esandleni sakhe.