UISAYA 48:11 - Compare All Versions

UISAYA 48:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.

UISAYA 48:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kungenxa yam ukuba ndenjenje; soze ndiliyekele ngehlazo igama lam, kungekho bani wosizuza neso sihomo. Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”

UISAYA 48:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngenxa yam, ewe, ngenxa yam, ndiya kukwenza; lingáthini na ukungcoliswa igama lam? andiluniki omnye uzuko lwam.

UISAYA 48:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngenxa yokwam, ngenxa yokwam, ndiya kukwenza: ngokuba beliya kunco̔liswa ngokunjanina igama lam? nobungcwalisa bam andiyi kubunika kuwumbi.