UISAYA 41:17 - Compare All Versions
UISAYA 41:17 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lomè linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.
Yabelana
UISAYA 41 XHO75UISAYA 41:17 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame; sebekhothekile bona lunxano. Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo – mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.
Yabelana
UISAYA 41 XHO96UISAYA 41:17 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amahlwempu nabasweleyo bayafuna amanzi, kanti akako; ulwimi lwabo lutshile linxanwa; mna YEHOVA ndobapendula; mna TIXO wo‐Sirayeli andiyi kubashiya.
Yabelana
UISAYA 41 XHO1902AUISAYA 41:17 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Xa amahlwempu namahlwempu ekhangele amanzi, aze angabikho, nolwimi lwawo lome lunxano, mna, iNkosi, ndiya kubaphendula, kwaye mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubuya umva kubo.
Yabelana
UISAYA 41 CXB24