UISAYA 41:14 - Compare All Versions

UISAYA 41:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

UISAYA 41:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Ewe, mna Ndikhoyo ndithi: ‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi, nimbalwa ninjalo, Sirayeli, kodwa sukoyika, ndiza kukusiza. Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli, ndim okukhululayo.’

UISAYA 41:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Musa ukoyika, mbungu Yakobi, nani madoda akwaSirayeli; ndiya kukunceda mna, utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

UISAYA 41:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ungoyiki, wena msundu Yakobi, nina bafo bo‐Sirayeli! ndokunceda, utsho UYEHOVA, umkululi wako, oyingcwele ka‐Sirayeli.