UISAYA 41:10 - Compare All Versions

UISAYA 41:10 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

UISAYA 41:10 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngoko ke ndinawe, sukoyika; ndinguThixo wakho, sukuphakuzela. Ndiza kukomeleza ndikusize, amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

UISAYA 41:10 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

ungoyiki, ngokuba ndinawe mna; ungabi navuso, ngokuba ndi NGUTIXO wako; ndiya kukwomeleza; ewe, ndiya kukunceda; ewe, ndokuxasa ngesokunene isandla sam esilungileyo.

UISAYA 41:10 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Musani ukoyika; ngokuba ndinani; sukoyika; ngokuba nguThixo wenu; Ndiya kukomeleza; ewe, ndiya kukunceda; ewe, ndiya kukuxhasa ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.