Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

UHABHAKUKI 2:2-3

UHABHAKUKI 2:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo. Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angàthethi wona amanga; ukuba úthe wazilazila, wulinde, kuba úya kuza, awuyi kubuya umva.

Yabelana
Funda UHABHAKUKI 2

UHABHAKUKI 2:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)

*UNdikhoyo undiphendule esithi: “Wubhale lo mbono – wukrole ngokucacileyo emacwecweni, ube nokufundwa nangogqitha ebaleka. Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo, kwaye uxhinele ixesha lesiphelo, ibe ke awuyi kuphosisa. Noba ngathi uyalibazisa, wulindele; ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.

Yabelana
Funda UHABHAKUKI 2

UHABHAKUKI 2:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wandiphendula uYehova, wathi, Bhala lo mbono, uwukrole emacwecweni, ukuze owulesayo abaleke. Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uzilazisile, ulinde yena; ngokuba iya kuza, ayiyi kuphela.

Yabelana
Funda UHABHAKUKI 2

UHABHAKUKI 2:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Waza UYEHOVA wandipendula, wati: Ba̔la umboniso, uwuqingqe pezu kwamacwecwe, ukuze abaleke lowo uwuleseshayo. Ngokuba umboniso ungowexesha elimiselweyo; kodwa uya kuteta ekupeleni, awuyi kuxoka: nakuba uzilazilayo, wulinde; ngokuba uya kuza ngenyaniso, awuyi kulibala.

Yabelana
Funda UHABHAKUKI 2
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo