IGENESIS 9:12-13
IGENESIS 9:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti UTIXO: Lo ngumqondiso wocebano olo ndilwenzayo pakati kwam nani, nazo zonke izinto ezipilileyo ezikuni, kwisizukulwana ngesizukulwana kude kube ngunapakade: Umnyama wam ndiwubekile elifini; wona woba ngumqondiso wocebano pakati kwam nomhlaba.
IGENESIS 9:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni: umnyàma wam ndiwubeké efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.
IGENESIS 9:12-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.
IGENESIS 9:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ephakathi kwenu, kuse kwizizukulwana zasephakadeni. Umnyama wam ndiwubeka efini, ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.