IGENESIS 41:39-40
IGENESIS 41:39-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe. Ùya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.
IGENESIS 41:39-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ubhekise kuJosefu ke ukumkani, wathi: “Nguwe oyiboniswe nguThixo le nto yonke. Kucacile ke ukuba asinakubuya sifumane mntu wumbi onobulumko namava, ingenguwe. Ndiza kwenza wena ube ngumphathiswa elizweni lam. Bonke abantu bam baya kuthobela wena. Igunya lakho liya kuba ngaphantsi kwelam qha.
IGENESIS 41:39-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uFaro kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile zonke ezi zinto, akukho bani usisilumko, unengqondo, njengawe. Wena uya kuba yingangamsha yendlu yam, bazimase bonke abantu bam ngokwelizwi lakho; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.
IGENESIS 41:39-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye u‐Faro wati ku‐Josefe: Ekubeni UTIXO ekwazisile konke oku, akuko mntu ongangawe ekuqondeni nasekulumkeni. Woba wena upezu kwendlu yam, nangelizwi lako baya kuzilungisa bonke abantu bam; kupela eteroneni ndiya kuba mkulu kuwe.