IGENESIS 13:10
IGENESIS 13:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.
IGENESIS 13:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.
IGENESIS 13:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uLote wawaphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba amanzi abemaninzi kuyo yonke indawo, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, nanjengelizwe laseYiputa, ekufikeni kwakho eTsohare.
IGENESIS 13:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Lote wapakamisa amehlo ake, wabona lonke itafa lase‐Yoredane, ukuba lilizwe elikolisa ukucenceshwa indawo zonke; elalite, engekatshabalalisi UYEHOVA i‐Sodome ne‐Gomora, lanjengomyezo KAYEHOVA, nanjengelizwe le‐Jipete, kude kwaziwa e‐Tsohare.