UEZRA 4:3 - Compare All Versions

UEZRA 4:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Ànithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.

UEZRA 4:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke uZerubhabheli noYeshuwa neenkulu zezindlu zikaSirayeli baphendula bathi: “Aninalo ilungelo lokwakhela uThixo wethu indlu. Sithi sodwa abaza kuyakha le ndlu kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.”

UEZRA 4:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kodwa u‐Zerubabeli, no‐Yoshuwa, nabanye abazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, bati kuzo: Aninto kuti nina ukuba niyake indlu KUTIXO wetu; sesiya kwakela UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, tina sodwa, njengokuba esiyalele ukumkani u‐Koreshe, ukumkani we‐Peresiya.

UEZRA 4:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uZerubhabheli, noYoshuwa, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli kubo, Anithe nakazani nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; Thina siya kumakhela kunye uYehova, uThixo kaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako uSireshi ukumkani wasePersi.