IEKSODUS 9:18-19
IEKSODUS 9:18-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bona ke, malunga nelixesha langomso ndiya kunisa izicoto ezinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo e‐Jipete, kwa semhleni wokusekwa kwayo kwada kwakaloku nje. Ngako kaloku tuma ke, ugoduse inkomo zako, nako konke onako ezindle; bonke abantu nezilo eziya kufunyanwa ezindle zingabutelwanga endlwini, zakuhla pezu kwazo izicoto, ziya kufa.
IEKSODUS 9:18-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku. Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingàhlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
IEKSODUS 9:18-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa. Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”
IEKSODUS 9:18-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, eli xesha ngomso ndiya kunisa isichotho esikhulu kunene, ekungazanga kubekho singaso eYiputa, kususela ekusekweni kwayo kude kube ngoku. Thumela ngoku, uthabathe imfuyo yakho, neento zonke onazo ezweni; Kuba phezu kwabantu bonke, nakwizinto zonke eziphilileyo ezifunyenweyo ezweni, ezingabuyiselwa ekhaya, kuya kuwa isichotho phezu kwazo, zife.