IEKSODUS 8:18-19
IEKSODUS 8:18-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
IEKSODUS 8:18-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana. Ke wona amaqili angqina athi kukumkani: “Ngumnwe kaThixo lo.” Kambe ke, njengoko uNdikhoyo wayetshilo, yena ukumkani wankaniza, akaphulaphula.
IEKSODUS 8:18-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Oogqirha benza okufanayo ngomlingo wabo ukuvelisa iingcongconi, kodwa abazange bakwazi; Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo lo; njengoko watshoyo uYehova.
IEKSODUS 8:18-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zenje njalo nencibi ngento zobugqi bazo, ukuba zivelise intwala; koko zakohlwayo: kwaza kwabako intwala pezu kwabantu napezu kwenkomo. Zaza zati incibi ku‐Faro: Ngumnwe KATIXO oku! Yaba gwenxa intliziyo ka‐Faro noko, akabapulapula kanjako, njengokuba ebetshilo UYEHOVA.