IEKSODUS 36:1
IEKSODUS 36:1 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
IEKSODUS 36:1 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”
IEKSODUS 36:1 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ooBhetetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awathi uYehova wabanikela ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukuwenza wonke umsebenzi wenkonzo yengcwele, njengoko wawisa umthetho uYehova.
IEKSODUS 36:1 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BAZA basebenza u‐Betsalele no‐Aholiyabi, nawo onke amadoda anentliziyo elumkileyo, abete UYEHOVA wanika ubulumko nengqondo kuwo, ukuba akwazi ukwenza yonke imisebenzi yenkonzo yeyingcwele indawo, njengako konke UYEHOVA abeyalele kona.