IEKSODUS 10:13-14
IEKSODUS 10:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi. Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.
IEKSODUS 10:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa. Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na!
IEKSODUS 10:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova wahambisa umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakunetha umoya wasempumalanga wezisa iinkumbi. Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa, zahlala ezindaweni zonke zaseYiputa; zazinzima kakhulu; phambi kwazo akuzange kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinkumbi.
IEKSODUS 10:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wasuka u‐Mosesi wolula intonga yake pezu kwelizwe le‐Jipete, waza UYEHOVA wazisa umoya wasempumalanga pezu kwelozwe, yonke leyomini nabo bonke obobusuku; kwati kwakusa, umoya wasempumalanga wazisa inkumbi. Zaza inkumbi zenyuka pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete, zapumla kuyo yonke imida yase‐Jipete, into enzima kunene; ngapambili kuzo bekungeko nkumbi ezingako zinjengazo ezo, nasemva kwazo akusayi kubako ezinjalo.