UESTERE 2:9-10
UESTERE 2:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yamkholisa intombi leyo, wayenzela ububele, wakhawuleza, wayinika izinto zayo zokuthambisa, nezabelo zayo, wayinika neentombi ezisixhenxe ezihleliweyo, ezivela endlwini yokumkani; wayibeka yona nomthinjana wayo kweyona ndawo intle kwindlu yabafazi. UEstere ubengàbaxelanga abantu bakowabo nemizalwane yakhe; kuba uMordekayi wayemwisele umthetho wokuba angabaxeli.
UESTERE 2:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Le ntombi inguEstere ke yamkholisa ngokupheleleyo. Ngoko nangoko ke wayixhasa ngezinto zobuhle, eyityisa ooni nooni. Wamnikezela esandleni sabafazi abasixhenxe abâkhethwa kwalapho komkhulu, waza ke uEstere nâbo bafazi bahlaliswa kwawona magumbi aphambili kwelo cala lababhinqileyo. Ke kaloku uEstere lo wayengazange azichaze imvelaphi nohlanga lwakhe, kuba uModekayi wayethe makangazixeli.
UESTERE 2:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yamkholisa intombi leyo, wamkeleka kuye; wakhawuleza, wamnika iimpahla zakhe zokuhlambela, neento zonke abenazo, neentombi ezisixhenxe zendlu yokumkani, awayeza kuzinikwa; wayinyula yona nomthinjana wayo phezu kweyona ndawo intle kwindlu yabafazi. uEstere akazange abaxelele abantu bakowabo nentsapho yakhe, kuba uMordekayi wayemyalele ukuba angabaxeleli.
UESTERE 2:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yaye intombi leyo ibilungile emehlweni ake, yazuza ububele pambi kwake; ngako wanxama ukuyinika izinto zokuhlanjululwa kwayo, nezabelwa zayo, nentombi zisixe̔nxe ezazifunwa ukuba zinikwe kuyo zivela endlwini yokumkani: waza wabeka yona nentombi zayo kwelungileyo indawo yendlu yamankazana. Ebengaxelanga u‐Esetere abantu bake nokwalamana kwake: ngokuba u‐Modekai ebemyalele ukuba angaxeli.