UDANIYELI 6:22
UDANIYELI 6:22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneké ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga.
UDANIYELI 6:22 IBHAYIBHILE (XHO96)
UThixo wam uthumele isithunywa sakhe, sayivala imilomo yeengonyama, azandenzakalisa. Ewe, azindenzakalisanga kuba ndifumaniseke ndimsulwa phambi kwakhe, kwanjengokuba ndingazange ndakona nganto nawe, mhlekazi!”
UDANIYELI 6:22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama, ukuze zingandenzi, ngenxa yokuba phambi kwakhe kufunyenwe ndimsulwa; Andenzanga bubi phambi kwakho, kumkani.
UDANIYELI 6:22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UTIXO wam utumile ingelosi yake, wavingca imilomo yengonyama, zaza azandenzakalisa ke; ngokokuba pambi kwake kube kufunyenwe kum okungenatyala; napambi kwako kanjalo, kumkani! andenzanga sono.