UDANIYELI 4:37
UDANIYELI 4:37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kaloku, mna Nebhukadenetsare, ndiyamncoma, ndimphakamisa, ndimbeka uKumkani wamazulu; ngokuba yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; nangokuba enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile.
UDANIYELI 4:37 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.”
UDANIYELI 4:37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaye, mna, Nebhukadenetsare, ndiyayincoma, ndiyidumisa, ndiyizukisa iNkosi yamazulu, ozenzo zakhe ziyinyaniso zonke, ozindlela zakhe zigwebayo; kwaye unokubathoba abo bahamba ngekratshi.
UDANIYELI 4:37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kaloku mna Nebukanetsare ndiyamdumisa, ndiyampakamisa, ndiyambeka ukumkani wezulu, omisebenzi yake yonke iyinyaniso, nendlela zake zibubulungisa: nabo bahambayo nger̔atshi unamandla yena okubatobisa.