IZENZO 7:1-8
IZENZO 7:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran, wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingákubonisa wona. Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kuló mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku. Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana. Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhlabeni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omané. Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalùsa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini.
IZENZO 7:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umbingeleli omkhulu wabhekisa kuStefano wathi: “Khanyela watyholwa!” Waza uStefano wathetha nentlanganiso wenjenje: “Mawethu nani bobawo, khanindiphulaphule. UThixo, eyona ngangalala, wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngexesha awayehlala eMesopotami, ngaphambi kokuba aye kuhlala eHaran, wathi kuye: ‘Suka, umke apha, uzishiye izizalwana zakho, kunye nelizwe lakowenu, uye kumhlaba endiya kukubonisa wona.’ Waza ke ngoko wawushiya umhlaba wamaKaledi, waya kuhlala eHaran. Emveni kokufa kukayise, uThixo wathi uAbraham makafudukele kweli lizwe nikulo nani ngoku. Ngelo xesha uThixo akamnikanga nendawana le uAbraham kulo mhlaba, ukuba ayime: hayi, nditsho nomhlathana lo womhlaba! Kodwa kananjalo uThixo wamthembisa uAbraham ukuba uya kumnika loo mhlaba, awume yena nezizukulwana zakhe emva kwakhe. Ukusenza kwakhe uThixo esi sithembiso uAbraham wayengekazali mntwana. UThixo wathetha ngolu hlobo kuye: ‘Isizukulwana sakho siya kufuduka, siye kuhlala elizweni lasemzini, apho siya kuba ngamakhoboka, sibandezeleke iminyaka engamakhulu amane. Kodwa mna ndiya kubagweba abo bantu siphantsi kwabo; kuze kuthi emva kwelo thuba, babuye kwelo lizwe, beze kundikhonza kule ndawo.’ Waza uThixo wamnika ulwaluko uAbraham ukutywina loo mnqophiso. UAbraham ke wamolùsa uIsake ngosuku lwesibhozo ezelwe, waza ngokukwanjalo uIsake wamolùsa uYakobi, noYakobi wenza kwaloo nto kookhokho abalishumi elinambini.
IZENZO 7:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? Uthe ke yena: “Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. uThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, eseMesopotami, engekami kwelakwaHaran. Wathi kuye, Phuma ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, uye ezweni endiya kukubonisa lona. Wesuka ke ezweni lamaKaledi, wahlala eHaran. Wathi, akuba efile uyise, wamfudusela kweli lizwe nihleli kulo nina ngoku. Akamnika lifa khona, kwanendawo engangonyawo, kodwa wathembisa ukuba uya kumnika ibe yeyakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, engekabi namntwana. Wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, Imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli ezweni lasemzini; ukuba baye ebukhobokeni, babaphathe kakubi, iminyaka emakhulu mane. Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. Waza wamnika umnqophiso wolwaluko, wathi ngokunjalo uAbraham wamzala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala oomawokhulu abalishumi elinababini.
IZENZO 7:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wati umperisite omkulu: Kanene ezizinto zinjalo kusinina? Waza wati yena: Madoda, bazalwana nobawo! pulapulani. UTIXO wobungcwalisa wabonakala kubawo wetu u‐Abrahame, nxa abese‐Mesopotami, engekahlalanga e‐Karane, wati kuye: Puma elizweni lakowenu, nasezalamaneni zako, uze elizweni endisukuba ndikubonisa lona. Wandula wapuma elizweni lama‐Kaledine, wahlala e‐Karane. Waza wamsusa kona, emveni kwokufa kwoyise, wamfudusela kwelilizwe enihlala kulo nina ngoku. Akamnika lifa ke kulo, engamnikanga nendawo yokunyatelwa kwonyawo: kanti noko wambekela ngedinga lokuba wolinika kuye libe yimfuyo, nakwinzalo yake emva kwake, nxa abengenamntwana. Waza wateta ngokunje UTIXO, ukuti: Inzalo yake yopambukela ezweni labasemzini, abaya kuyikonzisa bayipate kakubi iminyaka emakulu mane. Nesosizwe isukuba ikonza kuso, watsho UTIXO, ndiya kusigweba; yaiya kuti emveni kwoko ipume, ikonze mna kulendawo. Kanjako wamnika ucebano lwolwaluko: kwa njalo ke wazala u‐Yisake, wamalusa ngomhla wesibozo; waza u‐Yisake wazala u‐Yakobi, no‐Yakobi wazala oyise abakulu boshumi linababini.