Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

USAMUWELI II 23:3-4

USAMUWELI II 23:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Uthi uThixo kaSirayeli, ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi, Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa, Elawula ngokoyika uThixo. Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga, Njengentsasa engenamafu, Lakusa ibisína, Lwakuphuma uhlaza endle.

Yabelana
Funda USAMUWELI II 23

USAMUWELI II 23:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)

Uthethile uThixo kaSirayeli; iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi: “Lowo kumkani ulawula ngobulungisa, lowo ulawula esoyika uThixo, uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu, lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula, lintshulise ingca emhlabeni.”

Yabelana
Funda USAMUWELI II 23

USAMUWELI II 23:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wathi uThixo kaSirayeli, Iliwa lakwaSirayeli lithethile kum, lathi, Olawula abantu uya kuba lilungisa, alawule emoyika uThixo; Unjengokukhanya kokusa, ekuphumeni kwelanga, ngesifingo esingenalifu; njengengca ephuma emhlabeni, Kukukhanya okuqaqambileyo emva kwemvula.

Yabelana
Funda USAMUWELI II 23

USAMUWELI II 23:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wati UTIXO wo‐Sirayeli, — olilityekazi lo‐Sirayeli wateta kum, esiti: Kwobako umpati pezu kwabantu olungileyo, umpati emoyika UTIXO; oya kuba njengokukanya kwokusa, lakupuma ilanga, njengokwokusa okungenamafu, njengenca eluhlaza ipuma emhlabeni ngokukazimla emva kwemvula.

Yabelana
Funda USAMUWELI II 23
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo