USAMUWELI II 16:11-12 - Compare All Versions

USAMUWELI II 16:11-12 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova. Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla.

USAMUWELI II 16:11-12 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Uqhube wathi uDavide, ebhekisa kuAbhishayi nakumaphakathi akhe onke: “Ingunyana wam ozelwe ndim nje lo ufuna ukundibulala, nothuswa yintoni kule nto yenziwa ngulo mBhenjamin? NguNdikhoyo othe makandithuke; myekeni ke andithuke. UNdikhoyo angahle ayibone le ntlupheko ndikuyo, andithamsanqele endaweni yesiqalekiso salo mntu.”

USAMUWELI II 16:11-12 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam owaphuma esizalweni sam ungxamele umphefumlo wam; Unokwenza malini ngoku uBenjamin? makame, aqalekise; ngokuba uYehova ebemwisele umthetho. Mhlawumbi uYehova angabukhangela umvandedwa wam, yaye namhla uYehova wondibuyekeza ngesiqalekiso sakhe.

USAMUWELI II 16:11-12 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waza u‐Davide wati ku‐Abishai nakuzo zonke izicaka zake: Bona ke, unyana wam owapuma ematunjini am, uyafuna ubomi bam; kwoba kangakananina ngakumbi kaloku enje njalo lom‐Benjamine? myekeni, makaqalekise; ngokuba UYEHOVA emxelele: kungaba UYEHOVA uya kukangela pezu kwelishwa lam, aze UYEHOVA abuyekeze kum okulungileyo esikundleni sokuqalekisa kwake namhla nje.