USAMUWELI I 30:6
USAMUWELI I 30:6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.
USAMUWELI I 30:6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.
USAMUWELI I 30:6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabandezeleka kunene uDavide; kuba abantu babesithi bamgibisele ngamatye; ngokuba umoya wesizwe siphela ubebandezelekile, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe; ke uDavide wazomeleza ngoYehova uThixo wakhe.
USAMUWELI I 30:6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye u‐Davide waxinezeka kakulu; ngokuba abantu bebeteta ngokumgibisela ngamatye, ngokuba umpefumlo wabantu bonke ubunobuṙaṙa, abanye ngabanye pezu kwonyana babo, napezu kwentombi zabo; kodwa u‐Davide wazomeleza kuye UYEHOVA, UTIXO wake.