USAMUWELI I 18:7-8
USAMUWELI I 18:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baza abafazi bapendulana ekudlaleni kwabo, bati: u‐Saule ubulele amawaka ake, kodwa u‐Davide amawaka ake alishumi. Wandula u‐Saule waqumba kunene, ngokuba belibi emehlweni ake ilizwi elo; wayesiti: Banikile ku‐Davide amawaka alishumi, kanti kum banikile amawaka odwa; kuseko ukunikwa kuye ubukumkani kupela.
USAMUWELI I 18:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bavuma abafazi abaqambayo, bathi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi. USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamniké amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.
USAMUWELI I 18:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Babevuma bengqungqa besithi: “Wabulal' amawaka uSawule; yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.” USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”
USAMUWELI I 18:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Abafazi baphendulana, babizana, bathi, uSawule ubulele amawaka akhe, uDavide ubulele amashumi akhe amawaka. Wavutha kunene ngumsindo uSawule; uthi, uDavide bamnika ishumi lamawaka, kodwa bandinika iwaka lodwa; kwaye yintoni anokuyizuza ngaphezu korhulumente?