KAPETROS I 4:12-13
KAPETROS I 4:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.
KAPETROS I 4:12-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola. Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.
KAPETROS I 4:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu; Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.
KAPETROS I 4:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Batandwa! ningatelwa nqa ukutsha okukoyo pakati kwenu kube kukulingwa kwenu, njengokungati into emangalisayo ibinihlela: niti, njengoko ninobudlelana nazo intlungu zika‐Kristu ngako, nivuye; ukuze kanjalo ekutyilweni kwobungcwalisa bake nivuye ngokugcoba kakulu.