KAPETROS I 3:15-16
KAPETROS I 3:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
KAPETROS I 3:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo. Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu.
KAPETROS I 3:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
iNkosi ke iNkosi yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; ukuba nesazela esilungileyo; ukuze kuloo nto banithethela kakubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
KAPETROS I 3:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
kodwa UYEHOVA UTIXO mngcwaliseni ezintliziyweni zenu. Kanjalo hlalani nilungele ukunika impendulo kubo bonke abalibizayo kuni ituba letemba elipakati kwenu ngokululama nangokuhlonela: ninaso isazeliso esilungileyo; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, badaniswe abo bakuxokayo ukumila kwenu okulungileyo ku‐Kristu.