OOKUMKANI I 9:3 - Compare All Versions
OOKUMKANI I 9:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
OOKUMKANI I 9:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathetha naye wathi: “Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.
OOKUMKANI I 9:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho okwenzileyo phambi kwam; aya kuhlala elapho amehlo am nentliziyo yam.
OOKUMKANI I 9:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti UYEHOVA kuye: Ndivile umtandazo wako, nesitaṙuziso sako utaṙuzisile ngaso ebusweni bam; ndenzile ngcwele indlu le oyakileyo, ukuba ndibeke igama lam kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.