OOKUMKANI I 19:6 - Compare All Versions
OOKUMKANI I 19:6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
Yabelana
OOKUMKANI I 19 XHO75OOKUMKANI I 19:6 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.
Yabelana
OOKUMKANI I 19 XHO96OOKUMKANI I 19:6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakangela, kekaloku nasi ngasentlokweni yake isonkana sojiwe pezu kwamatye ashushu, negubu lamanzi: watya ke, wasela nokusela, wabuya walala pantsi.
Yabelana
OOKUMKANI I 19 XHO1902AOOKUMKANI I 19:6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wakhangela, nantso iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi phezu kwentloko yakhe. Watya, wasela, waphinda walala.
Yabelana
OOKUMKANI I 19 CXB24