OOKUMKANI I 19:20 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 19:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenzé ntoni na?

OOKUMKANI I 19:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke uElisha wazishiya iinkabi ezo, waza wabaleka emva koEliya. Wathi kuye: “Makhe ndiye kwanga utata nomama kuqala, ukuze ke ndihambe nawe.” UEliya waphendula wathi: “Hamba kaloku; andikuthinteli nganto.”

OOKUMKANI I 19:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, esithi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Buya; ndikwenze ntoni na?

OOKUMKANI I 19:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waseleshiya inkabi, wabaleka emva kwo‐Elija, wati: Makendange ubawo noma, ndandule ukulandela wena. Wayesiti kuye: Hamba, buya; ngokuba kuyinto nina endiyenzileyo kuwe?