OOKUMKANI I 19:13 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 19:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Ùyintoni na apha, Eliya?

OOKUMKANI I 19:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Akuyiva ke uEliya wazigquma ubuso ngomnweba wakhe, waphuma wema emnyango apho kuloo mqolomba. Kwavakala ilizwi lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

OOKUMKANI I 19:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kwaza kwati, akuva lona u‐Elija, wagqubutela ubuso bake ngengubo yake, wapuma, wema emnyango womqolomba. Kekaloku bona ke, kweza kuye ilizwi, elati: Wenza nto nina apa, Elija?

OOKUMKANI I 19:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Akukuva oko uEliya, wabugquma ubuso bakhe ngesambatho sakhe sangaphezulu, waphuma wema emnyango womqolomba nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Wenza ntoni na apho, Eliya?