OOKUMKANI I 18:37 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 18:37 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ndíphendule, Yehova, ndíphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.

OOKUMKANI I 18:37 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”

OOKUMKANI I 18:37 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ndipendule, YEHOVA! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena YEHOVA unguye UTIXO, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva.

OOKUMKANI I 18:37 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguYehova, nokuba nguwe oyibuyiseleyo intliziyo yabo.