OOKUMKANI I 18:36 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 18:36 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenzé zonke ezi zinto ngelizwi lakho.

OOKUMKANI I 18:36 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe.

OOKUMKANI I 18:36 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: YEHOVA, TIXO ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena UNGUTIXO kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako.

OOKUMKANI I 18:36 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngexesha lombingelelo wangokuhlwa, umprofeti uEliya wasondela waza wathi: “Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, noSirayeli, makwazeke namhla ukuba uThixo wakho usezweni lakwaSirayeli; nokuba ndingumkhonzi wakho, ukuze ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho.