OOKUMKANI I 18:31 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 18:31 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho.

OOKUMKANI I 18:31 XHO96 (IBHAYIBHILE)

UEliya wathatha amatye alishumi elinambini, ngalinye limele indlu kwezo zizwe zikaYakobi, yena lowo wafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Igama lakho kothiwa unguSirayeli.”

OOKUMKANI I 18:31 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

uEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini ngokwenani lezizukulwana zoonyana bakaYakobi, elafikayo kubo ilizwi likaYehova, lisithi, Igama lakho liya kuba nguSirayeli

OOKUMKANI I 18:31 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Watabata u‐Elija amatye alishumi linamabini njengenani lezizwe zonyana baka‐Yakobi, lowo ilizwi LIKAYEHOVA leza kuye, lisiti: Igama lako loba ngu‐Sirayeli