OOKUMKANI I 18:30 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 18:30 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe.

OOKUMKANI I 18:30 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke uEliya wabhekisa kubo bonke abantu, wathi: “Yizani kum apha.” Beza kuye bonke, waza ke yena walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliselonakele.

OOKUMKANI I 18:30 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wandula wati u‐Elija kubo bonke abantu: Sondelani kum. Basuka bonke abantu basondela kuye. Waza walungisa isibingelo SIKAYEHOVA esibe sicitekile.

OOKUMKANI I 18:30 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela kuye bonke abantu. Waza ke wasihlaziya isibingelelo sikaYehova esasidiliziwe.