OOKUMKANI I 18:27 - Compare All Versions
OOKUMKANI I 18:27 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe.
OOKUMKANI I 18:27 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emini emaqanda uEliya waphoxisa ngabo esithi: “Khanibe ngathi niyakhwaza. Kaloku nguthixo lo! Mhlawumbi usaminxwe ziingcinga, okanye ziingxaki, angathi kanti useseluhambeni. Mhlawumbi usalele, abe ke usavuswa.”
OOKUMKANI I 18:27 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute emini enkulu, wandula u‐Elija wabahleka, wati: Bizani ngelizwi elikulu; ngokuba engutixo yena: kungaba uyancokola, umhlaumbi uye ngasese, umhlaumbi useluhambeni; ngati ulele ubutongo, ufanel’ ukuvuswa.
OOKUMKANI I 18:27 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke kaloku, kwakufika imini enkulu, uEliya wadlala ngabo, wathi, Dumani kakhulu, ngokuba ndinguThixo; mhlawumbi uyathetha, okanye uyaleqa, okanye uyahamba, okanye mhlawumbi ulele kwaye ufuna ukuvuka.