OOKUMKANI I 18:21 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 18:21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Àbamphendula nezwi abantu.

OOKUMKANI I 18:21 XHO96 (IBHAYIBHILE)

UEliya wasondela kubo ke abo bantu, waza wathi: “Koda kube nini na nimbaxa! Ukuba uNdikhoyo nguye uThixo, landelani yena; kanti ke ukuba uBhali nguThixo, landelani yena kaloku.” Kwasuka kwathi cwaka.

OOKUMKANI I 18:21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wandula u‐Elija wasondela kubo bonke abantu, wati: Kwoda kube ninina nipala pakati kwezizindlo zibini? ukuba NGUYEHOVA ONGUTIXO, mlandeleni yena; kodwa ukuba ngu‐Bali, mlandeleni yena. Koko abantu bebengampenduli nazwi nye.

OOKUMKANI I 18:21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimi phakathi kweentliziyo ezimbini? ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; Ke yena uBhahali landelani yena. Akamphendula isihlwele.