OOKUMKANI I 17:13 - Compare All Versions
OOKUMKANI I 17:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndénzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.
Yabelana
OOKUMKANI I 17 XHO75OOKUMKANI I 17:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wathi kuye: “Musa ukoyika. Goduka wenze njengoko uthethile. Kodwa ke kuqala yenzela mna iqebengwana lesonka ngaloo nto unayo, uze ulizise apha kum, kamva ke wenzele wena nonyana wakho lowo.
Yabelana
OOKUMKANI I 17 XHO96OOKUMKANI I 17:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Elija wati kuye: Ungoyiki; yiya, yenza ngelizwi lako; kodwa ndenzele kuwo isonkana esincinane kuqala, usizise kum, wandule wenzele wena nonyana wako kamva.
Yabelana
OOKUMKANI I 17 XHO1902AOOKUMKANI I 17:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; hamba uye kwenza njengoko uthethile; kodwa kuqala ndenzele isonkana ngawo, undizisele, wenzele wena nonyana wakho.
Yabelana
OOKUMKANI I 17 CXB24