OOKUMKANI I 17:10 - Compare All Versions

OOKUMKANI I 17:10 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.

OOKUMKANI I 17:10 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngoko ke wahamba waya eZarfati. Ekufikeni kwakhe ke esangweni lesixeko eso, wafika kukho mhlolokazi uthile echola-chola iintsasa. Wambiza waza wathi: “Khawundiphathele amanzi ngendebe ukuze ndisele.”

OOKUMKANI I 17:10 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wesuka ke, wahambela e‐Tsarefate. Wati akufika esangweni lesixeko, bona ke, wayekona umhlolokazi eteza inkuni; waza wabiza kuye, wati: Kaundizekele intwana yamanzi esityeni, ndisele.

OOKUMKANI I 17:10 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wavuka ke, waya eSafati. Wathi akufika esangweni lesixeko, nanko umhlolokazi ethwele iinkuni; Wambiza wathi: Ndiziseleni iemele yamanzi ndisele.